Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 36:25-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.

26. Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

27. Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,

28. Esiyinisayo isibhakabhaka,Ivuze phezu kwabantu abaninzi.

29. Kanene baya kuqónda na ukwanekwa kwamafu,Nokuzongoma komnquba wakhe?

30. Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe,Azigubungele ngamazantsi olwandle.

31. Kuba ngezo nto ugqweba iziziwe,Unika ukudla ngento eninzi.

32. Izandla zozibini uzigubungela ngombane,Awuwisele umthetho ngokochanayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 36