2. Khawenze kuhle, ndikutyele;Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
3. Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam,Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
4. Okwenene, àkubuxoki ukuthetha kwam;Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
5. Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani;Unamandla ngokuqina kwengqondo.
6. Akamlondolozeli ebomini ongendawo;Iintsizana uzinika ibango lazo.
7. Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.
8. Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
9. Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.