Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 35:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu;Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.

10. Ke àbatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam,Osinika ingoma ebusuku,

11. Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi,Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?

12. Bandula bakhale, angaphenduli,Ngenxa yekratshi labanobubi.

13. Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo,USomandla akayikhathalele.

14. Noko ùtshoyo ukuthi akumkhathalele,Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!

15. Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe,Akazani na kunene nesikhukhumali?

16. Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe,Akwandise ukuthetha engenakwazi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 35