Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 34:20-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku;Bayahexiswa abantu, badlule,Zisuswe iimbalasane kungengasandla.

21. Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu,Úyawabona onke amabanga akhe.

22. Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa,Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.

23. Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu,Ukuze eze ematyaleni noThixo.

24. Úyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga,Amise ke abanye esikhundleni sabo.

25. Ngako oko úyazazi izenzo zabo,Ababhukuqe ebusuku, batyumke.

26. Úyabamonxoza ngokwabangendawoEndaweni yababoneli.

27. Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekáyo ekumlandeleni,Àbaziqiqa zonke iindlela zakhe;

28. Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo,Akuve ukukhala kweentsizana.

29. Akùzolisa, ngubani na oya kuxhalisa?Akùsithelisa ubuso, ngubani na ongámbonayo?Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,

30. Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa,Angabi zizirhintyelo zabantu.

31. Ngokuba ubani angátsho na kuThixo ukuthi,Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;

32. Endingakuboniyo, ndíyale ngako;Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?

33. Úya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena?Ukuba unyule wena, kunganyuli mna.Into oyaziyo yithethe.

34. Aya kuthi kum amadoda aziingqondi,Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,

35. UYobhi uthetha engenakwazi,Namazwi akhe akanangqiqo.

36. Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni,Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 34