Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 34:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa,Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,

15. Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye,Umntu abuyele eluthulini.

16. Wanga ungákuqonda, ungákuva oku,Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!

17. Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na?Khona uSobulungisa wòmgweba na?

18. Kungáthiwa na kukumkani, Tshijolondini?Nakumanene, Zintondini zingendawo?

19. Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli,Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo?Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.

20. Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku;Bayahexiswa abantu, badlule,Zisuswe iimbalasane kungengasandla.

21. Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu,Úyawabona onke amabanga akhe.

22. Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa,Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.

23. Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu,Ukuze eze ematyaleni noThixo.

24. Úyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga,Amise ke abanye esikhundleni sabo.

25. Ngako oko úyazazi izenzo zabo,Ababhukuqe ebusuku, batyumke.

26. Úyabamonxoza ngokwabangendawoEndaweni yababoneli.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 34