Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 34:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uElihu, wathi,

2. Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam;Nina zâzi, ndibekeleni indlebe.

3. Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha,Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.

4. Masizinyulele okusesikweni,Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.

5. Ngokuba úthe uYobhi, Ndililungisa,UThixo ulisusile ibango lam.

6. Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam;Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.

7. Úphi na umfo onjengoYobhi,Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?

8. Athelele kubenzi bobutshinga,Ahambe namadoda angendawo?

9. Kuba esithi, Akancedeki umfoNgokukholana noThixo.

10. Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum;Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo;KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,

11. Ke ukwenza komntu ukúbuyekeza kuye,Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.

12. Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo,USomandla akakugwenxi okusesikweni.

13. Ngubani na omphathise ihlabathi?Ngubani na omise elimiweyo lonke?

14. Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa,Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,

15. Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye,Umntu abuyele eluthulini.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 34