Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am;Ukwazi komlomo wam ákuthetha kanyulu.

4. UMoya kaThix wandenza,Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

5. Ukuba ùnako, ndiphendule;Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.

6. Ùyabona, njengawe ndingokaThixo;Ndacatshulwa eludongweni nam.

7. Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa;Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.

8. Okunene, ùthethe ezindlebeni zam,Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,

9. Ndiqaqambile, andinalukreqo;Ndiguxiwe, andinabugwenxa.

10. Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam,Úthi ndilutshaba lwakhe.

11. Úzifaka iinyawo zam esitokisini,*Úwulinga wonke umendo wam.

12. Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula;Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

13. Yini na ukuba ubambane naye,Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?

14. Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,Nangezimbini, ke akukhathalwa.

15. Ephupheni, embonweni wasebusuku,Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu,Ekozeleni elukhukweni;

16. Uzityhila oko iindlebe zabantu,Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33