Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezuluEsimlamlelayo, noko sisinye ewakeni,Sokùmxelela umntu okumfaneleyo:

24. Wómbabala, athi,Mkhulule, angehli aye esihogweni,Kuba ndilufumene ucamagusho.

25. Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

26. Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;Abubone ubuso bakhe eduma;Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

27. Lo úvuma ebantwini, athi,Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

28. Úwukhulúle umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni,Nobomi bam bókubona ukukhanya.

29. Yabona, oko konke uyakwenza uThixoIzihlando ezibini nezithathu kumfo,

30. Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni,Ukhanye ngokukhanya kobomi.

31. Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum;Yithi tu, ndithethe mna.

32. Ke ukuba ùnokuthetha, ndíphendule;Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33