Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali,Avele amathambo akhe abengabonakali.

22. Úyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe,Nobomi bakhe kubabulali.

23. Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezuluEsimlamlelayo, noko sisinye ewakeni,Sokùmxelela umntu okumfaneleyo:

24. Wómbabala, athi,Mkhulule, angehli aye esihogweni,Kuba ndilufumene ucamagusho.

25. Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

26. Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;Abubone ubuso bakhe eduma;Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

27. Lo úvuma ebantwini, athi,Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

28. Úwukhulúle umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni,Nobomi bam bókubona ukukhanya.

29. Yabona, oko konke uyakwenza uThixoIzihlando ezibini nezithathu kumfo,

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33