Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Yini na ukuba ubambane naye,Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?

14. Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,Nangezimbini, ke akukhathalwa.

15. Ephupheni, embonweni wasebusuku,Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu,Ekozeleni elukhukweni;

16. Uzityhila oko iindlebe zabantu,Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,

17. Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into,Agubungele uqhankqalazo lomfo;

18. Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni,Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.

19. Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe,Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;

20. Ubomi bakhe bukwale ukudla,Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.

21. Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali,Avele amathambo akhe abengabonakali.

22. Úyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe,Nobomi bakhe kubabulali.

23. Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezuluEsimlamlelayo, noko sisinye ewakeni,Sokùmxelela umntu okumfaneleyo:

24. Wómbabala, athi,Mkhulule, angehli aye esihogweni,Kuba ndilufumene ucamagusho.

25. Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

26. Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;Abubone ubuso bakhe eduma;Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

27. Lo úvuma ebantwini, athi,Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33