Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam,Úthi ndilutshaba lwakhe.

11. Úzifaka iinyawo zam esitokisini,*Úwulinga wonke umendo wam.

12. Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula;Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

13. Yini na ukuba ubambane naye,Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?

14. Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,Nangezimbini, ke akukhathalwa.

15. Ephupheni, embonweni wasebusuku,Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu,Ekozeleni elukhukweni;

16. Uzityhila oko iindlebe zabantu,Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,

17. Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into,Agubungele uqhankqalazo lomfo;

18. Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni,Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.

19. Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe,Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;

20. Ubomi bakhe bukwale ukudla,Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33