Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 33:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam,Uwabekele indlebe amazwi am onke.

2. Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam,Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.

3. Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am;Ukwazi komlomo wam ákuthetha kanyulu.

4. UMoya kaThix wandenza,Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

5. Ukuba ùnako, ndiphendule;Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.

6. Ùyabona, njengawe ndingokaThixo;Ndacatshulwa eludongweni nam.

7. Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa;Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.

8. Okunene, ùthethe ezindlebeni zam,Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,

9. Ndiqaqambile, andinalukreqo;Ndiguxiwe, andinabugwenxa.

10. Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam,Úthi ndilutshaba lwakhe.

11. Úzifaka iinyawo zam esitokisini,*Úwulinga wonke umendo wam.

12. Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula;Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 33