Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 32:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.

5. Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.

6. Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi,Ndimncinane mna ngemihla,Ke nina niziingwevu;Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.

7. Ndathi, Imihla mayithethe,Iminyaka emininzi yazise ubulumko.

8. Noko ngumoya osemntwini,Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.

9. Ukulumka àkunábakhulu,Ukuqonda okufaneleyo àkunámadoda makhulu odwa.

10. Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.

11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.

12. Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.

13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.

14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 32