14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.
16. Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?
17. Ndiya kuphendula nam okwam,Ndixele ukwazi kwam nam.
18. Kuba ndizele kukuthetha;Únditcuthile umoya wembilini yam.
19. Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
20. Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle;Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
21. Mandingàkhe ndinonelele mntu;Ndingàkhe nditeketise mntu.