Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 32:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.

2. Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.

3. Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.

4. Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.

5. Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.

6. Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi,Ndimncinane mna ngemihla,Ke nina niziingwevu;Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.

7. Ndathi, Imihla mayithethe,Iminyaka emininzi yazise ubulumko.

8. Noko ngumoya osemntwini,Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.

9. Ukulumka àkunábakhulu,Ukuqonda okufaneleyo àkunámadoda makhulu odwa.

10. Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.

11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 32