Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 31:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ukusindeka asikokogqwethayo yini na,Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?

4. Akaziboni na yena iindlela zam,Awabale onke amabanga am?

5. Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo,Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,

6. Makandilinganise esikalini* sobulungisa,Ákwazi uThixo ukugqibelela kwam.

7. Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni,Yalandela amehlo am intliziyo yam,Sanamathela isisihla ezandleni zam:

8. Mandihlwayele, kudle omnye,Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.

9. Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu,Ndalalela esangweni lommelwane wam,

10. Umkam makasilele omnye umntu,Kuguqe abanye phezu kwakhe.

11. Kuba loo nto bubugqwirha,Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.

12. Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni;Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.

13. Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam,Bakubambana nam,

14. Bendingáthini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama?Xa athe wavela, bendingáthini na ukuphendula?

15. Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye?Owasimilisa esizalweni akamnye na?

16. Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo,Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,

17. Ndawudla ndedwa umthamo wam,Ayadla inkedama kuwo:

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 31