Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 31:22-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,

27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:

28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.

29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi

30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);

31. Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?

32. Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;

33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,

34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —

35. Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 31