16. Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo,Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,
17. Ndawudla ndedwa umthamo wam,Ayadla inkedama kuwo:
18. Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise,Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.
19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
20. Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;
21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:
22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,
27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam: