Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 31:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye?Owasimilisa esizalweni akamnye na?

16. Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo,Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,

17. Ndawudla ndedwa umthamo wam,Ayadla inkedama kuwo:

18. Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise,Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.

19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;

20. Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;

21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:

22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 31