Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 31:13-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam,Bakubambana nam,

14. Bendingáthini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama?Xa athe wavela, bendingáthini na ukuphendula?

15. Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye?Owasimilisa esizalweni akamnye na?

16. Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo,Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,

17. Ndawudla ndedwa umthamo wam,Ayadla inkedama kuwo:

18. Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise,Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.

19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;

20. Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;

21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:

22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,

27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:

28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.

29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi

30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);

31. Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 31