Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 31:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiwamisele amehlo am umnqophiso;Ndingáthini na ukuqwalasela entombini?

2. Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu,Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?

3. Ukusindeka asikokogqwethayo yini na,Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?

4. Akaziboni na yena iindlela zam,Awabale onke amabanga am?

5. Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo,Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,

6. Makandilinganise esikalini* sobulungisa,Ákwazi uThixo ukugqibelela kwam.

7. Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni,Yalandela amehlo am intliziyo yam,Sanamathela isisihla ezandleni zam:

8. Mandihlwayele, kudle omnye,Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.

9. Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu,Ndalalela esangweni lommelwane wam,

10. Umkam makasilele omnye umntu,Kuguqe abanye phezu kwakhe.

11. Kuba loo nto bubugqwirha,Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 31