Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 30:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

9. Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.

10. Ndilisikizi kubo, bakude nam;Abawanqandi amathe ebusweni bam.

11. Kuba úlucombulule uthàmbo lwam, wandicinezela,Bawuyeka umkhala phambi kwam.

12. Ngasekunene kuphakama ubuvuvana;Batyhala iinyawo zam,Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.

13. Bayenza amagqagala indlela yam,Bancedisa ukweyela kwam,Abangenamncedi.

14. Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni,Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.

15. Kuguqukéle kum ukukhwankqisa,Kubusukela ubunene bam njengomoya;Kudlulé njengelifu ukusindiswa kwam.

16. Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam;Indibambile imihla yeentsizi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 30