Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 30:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ùzenza isijorha kum;Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.

22. Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo,Undibhangise nokuzongoma kwawo.

23. Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni,Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.

24. Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na,Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?

25. Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi?Úbungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?

26. Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi;Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.

27. Amathumbu am abila, akayeka;Yandihlangabeza imihla yeentsizi.

28. Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa;Ndaphakama ebandleni, ndazibika.

29. Ndingumzalwana weempungutye,Nomlingane weenciniba.

30. Ulùsu lwam luyadlubhuka kum, lumnayama.Namathambo am atshile kukoma.

31. Uhadi lwam lwaba sisijwili,Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 30