Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 30:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla,Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.

2. Khona abengába ngawantoni na kum amandla ezandla zabo,Abaphelelwe ngamandla?

3. Bathe ngokuswela nokulamba banqina,Abo banqabi bomqwebedu,Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;

4. Abo baqhawula imbuwa ematyholweni,Abasonka siyingcambu yonwele.

5. Bayagxothwa phakathi kwabantu;Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

6. Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo,Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 30