Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 3:6-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Obo busuku — masibubambe isithokothoko;Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka;Mabungangeni enanini leenyanga.

7. Yabona, obo busuku mabube ludlolo;Makungezi kumemelela kubo.

8. Mababuqalekise abaqalekisi bemihla,Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.*

9. Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu;Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho;Bungaziboni iinkophe zesifingo;

10. Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.

11. Ibe iyini na ukuba ndingàfeli embilinini,Ndingàphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?

12. Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze?Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?

13. Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola;Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla

14. Nokumkani namaphakathi elizwe,Abo bazakheláyo amanxuwa;

15. Nabathetheli abanegolide,Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.

16. Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo;Njengabantwana abangabonanga kukhanya.

17. Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa;Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.

18. Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweninye;Àbasaliva izwi lomqhubi.

19. Omncinane nomkhulu — khona bayalingana;Ikhoboka likhuluekile enkosini yalo.

20. Yini na ukuba abasebubini ábanike ukukhanya,Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?

21. Ábalindé ukufa, kusuke kungabikho;Ábakumbayo ngaphezu kobutyebi obuselelweyo;

22. Ábavuya bade bagcobe,Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?

23. Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo,Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 3