Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 3:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Mayidake imini endazalwa ngayo,Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwé indoda.

4. Loo mini mayibe bubumnyama,Angayinyamekeli uThixo phezulu,Kungayibengezeli ukukhanya.

5. Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa,Makulale amafu phezu kwayo;Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.

6. Obo busuku — masibubambe isithokothoko;Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka;Mabungangeni enanini leenyanga.

7. Yabona, obo busuku mabube ludlolo;Makungezi kumemelela kubo.

8. Mababuqalekise abaqalekisi bemihla,Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.*

9. Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu;Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho;Bungaziboni iinkophe zesifingo;

10. Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.

11. Ibe iyini na ukuba ndingàfeli embilinini,Ndingàphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 3