Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 3:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ábavuya bade bagcobe,Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?

23. Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo,Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?

24. Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma,Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.

25. Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela,Into endinxunguphala yiyo indizele.

26. Ndathi, ndingàchulumachanga ndingàzolanga, ndingàphumlanga,Kweza ke ukugungqa.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 3