Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 3:2-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wasusela uYobhi, wathi,

3. Mayidake imini endazalwa ngayo,Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwé indoda.

4. Loo mini mayibe bubumnyama,Angayinyamekeli uThixo phezulu,Kungayibengezeli ukukhanya.

5. Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa,Makulale amafu phezu kwayo;Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.

6. Obo busuku — masibubambe isithokothoko;Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka;Mabungangeni enanini leenyanga.

7. Yabona, obo busuku mabube ludlolo;Makungezi kumemelela kubo.

8. Mababuqalekise abaqalekisi bemihla,Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.*

9. Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu;Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho;Bungaziboni iinkophe zesifingo;

10. Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.

11. Ibe iyini na ukuba ndingàfeli embilinini,Ndingàphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?

12. Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze?Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?

13. Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola;Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla

14. Nokumkani namaphakathi elizwe,Abo bazakheláyo amanxuwa;

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 3