Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 29:8-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ándibona amadodana, azimela,Asuka amaxhego, ema.

9. Abathetheli bakuyeka ukukhuluma,Babeka isandla emlonyeni.

10. Ilizwi leenganga lazímela,Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni lazo,

11. Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo;Iliso labona, landingqinela.

12. Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo,Neenkedama, noswele umncedi.

13. Intsikelelo yabadakayo ibindizela,Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.

14. Ubulungisa bendibambatha bundambathe;Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.

15. Bendingamehlo kwimfama,Bendiziinyawo kwisiqhwala;

16. Bendinguyise kumahlwempu,Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.

17. Bendiwaphula amabamba ogqwethayo,Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.

18. Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam,Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.*

19. Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi,Ulale umbethe emasebeni am.

20. Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum,Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.

21. Babendiphulaphula, balindele,Bathi tu ecebeni lam.

22. Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe,Kubachaphazele ukukhuluma kwam.

23. Babendilinda njengemvula,Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.

24. Bendibancumela, bencamile;Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 29