Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 29:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

2. Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili,Njengemihla abendigcinile uThixo;

3. Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam,Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;

4. Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla,Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;

5. Oko uSomandla ebesenam,Bengeenxa zonke kum abantwana bam;

6. Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi,Iliwa lindithululela imijelo yeoli.

7. Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi,Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,

8. Ándibona amadodana, azimela,Asuka amaxhego, ema.

9. Abathetheli bakuyeka ukukhuluma,Babeka isandla emlonyeni.

10. Ilizwi leenganga lazímela,Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni lazo,

11. Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo;Iliso labona, landingqinela.

12. Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo,Neenkedama, noswele umncedi.

13. Intsikelelo yabadakayo ibindizela,Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.

14. Ubulungisa bendibambatha bundambathe;Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.

15. Bendingamehlo kwimfama,Bendiziinyawo kwisiqhwala;

16. Bendinguyise kumahlwempu,Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 29