Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 28:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba kukhó apho iphuma khona isilivere,Nendawo yegolide abayihluzayo.

2. Isinyithi sithatyathwa eluthulini,Banyibilikisa amatye abe lubhedu.

3. Baphelisa ubumnyama,Bebhekisa eziphelweni zonke,Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.

4. Bemba umngxuma kude kwabemiyo,Belityelwe lunyawo lwabahambi;Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.

5. Umhlaba — kuphuma ukutya kuwo;Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

6. Indawo yesafire* ngamatye awo,Amagada egolide akuyo;

7. Yingqushu engaziwa xhalanga,Engathiwanga nzo liso lantloyiya,

8. Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo,Engahanjwanga nayingonyama.

9. Usa isandla sakhe nakwiqhwitha,Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 28