Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 28:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba kukhó apho iphuma khona isilivere,Nendawo yegolide abayihluzayo.

2. Isinyithi sithatyathwa eluthulini,Banyibilikisa amatye abe lubhedu.

3. Baphelisa ubumnyama,Bebhekisa eziphelweni zonke,Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.

4. Bemba umngxuma kude kwabemiyo,Belityelwe lunyawo lwabahambi;Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.

5. Umhlaba — kuphuma ukutya kuwo;Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 28