Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 26:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Abangasekhoyo bayazibhijabhijaNgaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.

6. Lizé elabafileyo phambi kwakhe,Ayinasigubungelo inzonzobila.

7. Úlaneka izulu langasentla enyanyeni,Axhome ihlabathi phezu kokungeni.

8. Ubopha amanzi emafini akhe,Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.

9. Uvingca umphambili wetrone,Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.

10. Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda,Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.

11. Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga,Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.

12. Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle,Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.

13. Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu;Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 26