Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 25:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,

2. Ulawulo nonkwantyiso lunaye;Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.

3. Inokubalwa na imikhosi yakhe?Ngubani na ongàphunyelwayo kukukhanya kwakhe?

4. Angáthini na umntu ukuba lilungisa kuThixo?Angáthini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?

5. Yabona, nenyanga ayimhlophe,Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 25