Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 24:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yini na ukuba kungàbekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?

2. Kushenxiswa imilimandlela;Kuphangwa imihlambi, yaluswe.

3. Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama,Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.

4. Kugilwa amahlwempu endleleni,Bazímele ndawonye abaziintsizana belizwe.

5. Khangela, njengamaesile asendle entlango,Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla;Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.

6. Esisimini bavuna ukutya kwabo,Babhikice esidiliyeni songendawo.

7. Balala zé bengenangubo,Àbananto yokuzigubungela engqeleni,

8. Bayanetha sisiphango seentaba;Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 24