7. Oko othe tye ubeya kubonisana naye,Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
8. Yabona, ndisinga phambili, angabikho;Nangasemva, ndingàmnakani;
9. Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingàmalami;Xa atyekela ngasekunene, ndingàmboni.
10. Kuba úyayazi indlela enam;Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
11. Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe,Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
12. Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga;Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
13. Ke yena umi ndaweninye, ngubani na ongambuyisayo?Umphefumlo wakhe ukhanukile, úya kwenza oko.
14. Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo;Zininzi ke izinto ezinje kuye.
15. Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe.Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
16. UThixo uyiqobisile intliziyo yam.USomandla undikhwankqisile.