Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 23:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani,Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.

3. Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona,Ndize esihlalweni sakhe!

4. Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam,Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.

5. Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako,Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.

6. Wóbambana nam ngamandla amakhulu na?Hayi! Kodwa ke wóndigqala.

7. Oko othe tye ubeya kubonisana naye,Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.

8. Yabona, ndisinga phambili, angabikho;Nangasemva, ndingàmnakani;

9. Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingàmalami;Xa atyekela ngasekunene, ndingàmboni.

10. Kuba úyayazi indlela enam;Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.

11. Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe,Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 23