Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 22:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kuba ubúbambise umzalwana wakho ngelizé,Ububahluba abazé iingubo.

7. Ubungàmsezi manzi otyhafileyo,Olambileyo ubumvimba ukutya.

8. Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe;Obekekileyo ubehlala kulo.

9. Abahlolokazi ububandulula belambatha,Neengalo zeenkedama ubuzityumza.

10. Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile,Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.

11. Khona akububoni na ubumnyama,Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?

12. UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na?Bóna ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!

13. Ùthi ke wena, Wázi ntoni na uThixo?Únokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 22