Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 22:22-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.

23. Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

24. Walibeka eluthulini ilitye legolide,Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

25. USomandla woba lilitye legolide kuwe,Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

26. Ngokuba ùya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.

27. Wòthandaza kuye, eve,Uzizalise izibhambathiso zakho;

28. Usongele into, ifezeke kuwe;Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 22