Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 22:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Àbabesithi kuThixo, Suka kuthi;Angabenza ntoni na uSomandla?

18. Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

19. Aya kubona oko amalungisa, avuye;Omsulwa uyabagculela, esithi,

20. Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka,Wakúdla umlilo ukuphuphuma kwabo.

21. Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;Ngaloo nto wòzelwa kokulungileyo.

22. Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.

23. Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

24. Walibeka eluthulini ilitye legolide,Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

25. USomandla woba lilitye legolide kuwe,Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 22