14. Amafu amsithile, akaboni;Úzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
15. Umendo wasephakadeni ùya kuwugcina na,Abawunyatheléyo abantu abanobutshinga?
16. Àbashwabene lingekabi lixesha;Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
17. Àbabesithi kuThixo, Suka kuthi;Angabenza ntoni na uSomandla?
18. Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
19. Aya kubona oko amalungisa, avuye;Omsulwa uyabagculela, esithi,
20. Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka,Wakúdla umlilo ukuphuphuma kwabo.
21. Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;Ngaloo nto wòzelwa kokulungileyo.
22. Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.