Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 22:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ùthi ke wena, Wázi ntoni na uThixo?Únokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?

14. Amafu amsithile, akaboni;Úzihambela okwakhe esazingeni samazulu.

15. Umendo wasephakadeni ùya kuwugcina na,Abawunyatheléyo abantu abanobutshinga?

16. Àbashwabene lingekabi lixesha;Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,

17. Àbabesithi kuThixo, Suka kuthi;Angabenza ntoni na uSomandla?

18. Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

19. Aya kubona oko amalungisa, avuye;Omsulwa uyabagculela, esithi,

20. Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka,Wakúdla umlilo ukuphuphuma kwabo.

21. Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;Ngaloo nto wòzelwa kokulungileyo.

22. Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.

23. Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

24. Walibeka eluthulini ilitye legolide,Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

25. USomandla woba lilitye legolide kuwe,Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

26. Ngokuba ùya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.

27. Wòthandaza kuye, eve,Uzizalise izibhambathiso zakho;

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 22