Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 22:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

2. Umfo unokumnceda na uThixo?Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.

3. Kumnandi na kuSomandla, xa ùlilungisa?Kuyinzuzo na kuye, ukuba ùyazigqibelelisa iindlela zakho?

4. Úya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo,Aye nawe ematyaleni?

5. Ububi bakho abubukhulu na?Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?

6. Kuba ubúbambise umzalwana wakho ngelizé,Ububahluba abazé iingubo.

7. Ubungàmsezi manzi otyhafileyo,Olambileyo ubumvimba ukutya.

8. Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe;Obekekileyo ubehlala kulo.

9. Abahlolokazi ububandulula belambatha,Neengalo zeenkedama ubuzityumza.

10. Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile,Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.

11. Khona akububoni na ubumnyama,Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?

12. UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na?Bóna ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 22