Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 21:4-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Mna, inkalazo yam isemntwini yini na?Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?

5. Bhekani kum, nimangaliswe;Bekani isandla emlonyeni.

6. Okunene, ndakùkhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe,Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.

7. Yini na ukuba abangendawo badle ubomi,Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?

8. Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo;Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.

9. Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya,Nentonga kaThixo ayibafikeli.

10. Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli;Imazi yabo iyazala ingaphunzi.

11. Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo,Nabantwana babo bayadloba.

12. Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi,Bavuye lilizwi logwali.

13. Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha,Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.

14. Bathi kuThixo, Suka kuthi,Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.

15. Úyini na uSomandla, ukuba simkhonze?Kusinceda ntoni na ukumjoka?

16. Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo;Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

17. Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa?Kubafikela ukusindeka kwabo?Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?

18. Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya,Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 21