Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 21:21-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo,Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?

22. Úya kufundiswa ukwazi uThixo na,Lowo ugweba abaphezulu?

23. Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila,Onwabile kanye, echulumachile.

24. Iimvaba zakhe zizele ngamasi,Nomongo wamathambo akhe utyebile.

25. Omnye ufa úkrakra umphefumlo wakhe,Engadlanga zinto zilungileyo.

26. Balala ndawonye eluthulini,Iimpethu ziyabagubungela bobabini.

27. Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu,Namayelenqe enindigonyamela ngawo.

28. Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu?Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?

29. Anibuzanga na kwabadlula ngendlela?Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?

30. Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo,Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 21