Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 20:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,Izandla zonke zabangento ziyamfikela.

23. Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe,Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.

24. Ebaleka isikrweqe sesinyithi,Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.

25. Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni,Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe;Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.

26. Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe;Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga;Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.

27. Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe,Nehlabathi lisukele phezulu kuye.

28. Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe,Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.

29. Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo,Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 20