Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 20:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,

2. Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula,Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.

3. Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva,Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.

4. Oku ùyakwazi na kambe kwanini,Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:

5. Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane,Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?

6. Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,Intloko yakhe wayifikisa emafini:

7. Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele,Abambonayo bathi, Úphi na?

8. Úya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa,Aphekuzwe njengombono wobusuku.

9. Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda;Indawo yakhe ayisayi kumalama.

10. Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo,Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.

11. Amathambo akhe ebezele bubutsha;Bolaliswa phantsi naye eluthulini.

12. Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe,Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,

13. Wabuconga akabuyeka,Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;

14. Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe,Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.

15. Úginye ubutyebi, wabuhlanza;Úyabukhupha esiswini sakhe uThixo.

16. Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,Lumbulale ulwimi lwenyushu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 20