Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 2:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho?

10. Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

11. Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.

12. Baphakamisa amehlo abo besekude, àbamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.

13. Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 2