Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana* phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.

2. Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.

3. Wathi uYehova kuSathana, Ùmgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo,

4. noko undixhokonxele kuyo ukuba ndiyiginyele ilize? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulùsu ngenxa yolùsu; konke anako umntu wókunika ngenxa yomphefumlo wakhe.

5. Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.

6. Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wògcina umphefumlo wakhe.

7. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.

8. Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.

9. Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 2