Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 2:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana* phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.

2. Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.

3. Wathi uYehova kuSathana, Ùmgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo,

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 2